Umanyano

By Kitso Seti

Released on October 30, 2020

Thumbnail

[Intro: Kitso Seti]

1, 2, nguMakoya


[Verse 1: Kitso Seti]

Sathi sihleli izulu lasibekela

Kanti kukufika kwabeLungu ngeenqanawe ezisuka ngasentla

Tyhini abapheza, baquqa bephindelela

Besahlula iAfrika, akwabikho neentshiyekela

IiDarkie zathula, ezinye iAfrika zayilwela

Imbumbulu ihlal'esifubeni kothe wacinga ukuvukela

Bambulal' uLumumba, uKwame Nkrumah walandela

Walungisa isizwe sakhe uSankara iiDarkie zamjikela

Baya eNigeria bangcungcuthekisa uFela

Waleqa i30 years e-exile uMiriam Makeba

Nabo behleka oMnyama ebulalana yedwa

Inkatha ilwa nеANC, esifa ongayifuni iCODESA

Lahamba ixesha, bamenz'uThix'uMandеla

Bambulal'uChris Hani, bona ubomi baqhubekeka

Isizwe saphela, iAfrophobia yasiqwela

Nanku ephakamis'umkhonto ebulal'ummi waseKenya

Watsho esikrakra isikhalo uMama Afrika ekhala

Ebukel'iintsana zakhe zibulalana eMarikana

Sizwe eziMnyama, yini ukukhohlakala okungaka?

Masilungise apho sone khona sikhe sicinge ngomanyana

[Chorus: Kitso Seti] x 2

Ukuba kungenzeka athi abuye uBawo

Ze nimxelele ndizobe ndilapha, ondifumana kule ndawo

Nam bendinomkhonza sikwazi ukulwa ongendawo

Makandixolele ngoba ngoku ndisafun' umanyano


[Verse 2: Kitso Seti]

Ekuqiniseni umzi wayo, intaka ikha ngoboya benye

Iyakwazi ucela nezinye ukuba nazo zibe yinxalenye

Kuba kuhle ukubukela isizwe sincedisana sibambene

Ndiyathemba ngomhl'othile eAfrika sophel' isimenye

Sonke singama-Afrika kodwa siyabulalana

Yena oMhlophe wafika, abaMnyama bajikelana

Asinokwazi ukuyiphika, sonakel' isizwe esiMnyama

Ngoku kunzim'ukujika, asisakwazi nokuxolelana

Savumel'umLungu angene phakathi kwethu asiqhekeze

We hate our own and give love to the Caucasian

We buy guns from the Whites to kill those who are Somalians

Sithi mabahame kweli lizwe, forgetting they're also Africans

Run! Racists will run when Africans unite

There must be principle in this unity, yeah, nigga no doubt

We'll sharpen the contradictions and disturb anything White

Sowa sivuka, ma-Afrika never give up the fight